Additional Resource

COVID-19 UHLAZIYO (Xhosa)

Ukuhlangana kwaMalungu eBandla Kunqunyanyisiwe Okwexeshana Kwihlabathi Lonke Jikelele

Iinkokheli zasekuhlaleni ziya kucebisana ngokuchonga malunga nokwenza indlela yokuba umthendeleko ufumaneke emalungwini kanye ngenyanga ebuncinaneni

UBongameli bokuQala neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini beBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela bathumele le ncwadi yembalelwano ilandelayo EyoKwindla 12, 2020 kumalungu eBanlda kwihlabathi lonke jikelele.

Bazalwane nooDade abathandekayo,

Njengoko bekuthenjisiwe kwincwadi yembalelwano kweyoKwindla 11, 2020, siqhubeka nokubeka iliso iimeko eziguqukayo ezinxulumene ne-COVID-19 kwihlabathi lonke jikelele.  Siyithathele ingqalelo ingcebiso yeenkokheli zasekuhlaleni, yamagosa karhulumente kunye neyeengcali kwezonyango, kwaye sithe safuna isikhokelo seNkosi kule miba.  Ngoku sibonelela ngale mikhomba-ndlela ehlaziyoweyo ilandelayo. 

Ukuqala ngokukhawuleza, konke ukuhlangana kwasesidlangalaleni kwamalungu eBandla kuyanqunyanyiswa okwexeshana kwihlabathi lonke jikelele kude kube nokwaziso olungakumbi.  Oku kuquka:

  • Iinkomfa zeengqokelela zamasebe, iinkomfa zobunkokheli kunye nezinye iintlangano ezinkulu
  • Zonke iinkonzo zonqulo lukawonke-wonke, oluquka neentlangano zomthendeleko
  • Iintshukumo zamasebe kunye nezeengqokelela zamasebe

Apho kunokwenzeka khona, ncedani niqhubele nayiphi na imihlangano ebalulekileyo yobunkokheli ngeenzame zobuxhakaxhaka.  Imibuzo ethile ingabhekiswa kwiinkokheli zobubingeleli zasekuhlaleni.  Umkhomba-ndlela ongakumbi onxulumene neminye imiba uya kunikwa.

OoBhishophu kumele bacebisane nomongameli weengqokelela zamasebe ngokuchonga malunga nokwenza indlela yokuba umthendeleko ufumaneke emalungwini kanye ngenyanga ebuncinaneni.

Sikhuthaza amalungu kwiinzame zawo ekulungiseleleni ukuba akhathalelane.  Kumele silandele umzekelo woMsindisi ekusikeleleni nasekuphakamiseni abanye.

Sinika ubungqina bethu ngothando lweNkosi kweli xesha lokungaqiniseki.    Yena uya kunisikelela ukuba nifumane uvuyo njengoko nisenza konke ekusemandleni wenu ukuphila ivangeli kaYesu Krestu kuzo zonke iimeko.

Ozithobileyo,

UBongameli bokuQala neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini

Style Guide Note:When reporting about The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, please use the complete name of the Church in the first reference. For more information on the use of the name of the Church, go to our online Style Guide.